Categories
isiXhosa Mental Health

Coping with family violence: Ukujongana nobudlobongela bosapho ngelixesha le COVID-19

Iintsapho kunokwenzeka ziineenxinezelo ezininzi kwelixesha leCOVID-19. Iintsapho kusenokuba zivaleleke zonke emakhaya, abakwazi ukuphangela okanye banexhala lokuba bazo kusinda njani ngokwezemali. Amanye amalungu ekhaya basenoku ba basela utywal okanye basebenzisa iziyobisi ngokwe dlela abajongana noxinzelelo lwabo. Zonke ezizinto zingongeza kubudlobongela ngokwasemzimbeni, emoyeni okanye ngokwesondo ekhayeni ngakumbi ubudlobongela obujongiswe kuwe nabantwana. Ukutshixakala nomntu onobudlobongela ngexesha lokuba wedwa lunga beka wena nabantwana engozini. Ukuphuma endlini ayilocebo kubafazi abaninzi. Nantsi ke iminyathelo ongayithatha ukuba ujongene nobudlobongela okanye isoyikiso sobudlobongela ekhayeni lakho.

Ibane cebo lokuzikhusela

Gcina ifowuni yakho itshajiwe kwaye ikuwe

Yazi ukuba iphi. Qiniseka inomoya.

Mazi umntu onokumtsalela umnxeba

Faka iinombolo zemeko ezingxamisekileyo ifownini yakho, umzekelo, amapolisa (inombolo: 10111 neye SAPS yokhuselelo lwabantwana 08 600 10111) okanye iinkampani yoomantshingilane, uncedo lwange xesha lonke ngokuhlukunyewa, iindawo zoobalekela ezenzelwe abafazi njalo njalo (bona iinombolo onozithinta ngasezantsi).

Xelela umntu

Qinisekisa ukuba ukhona umntu omxelelayo ukuba umlingane wakho angaba nobudlobongela kuwe. Umntu onomxelela ngumhlobo wakho, umntu ozalana naye okaye umakhelwane wakho. Xoxa nabo malunga nesicwangciso sokhuseleko.

Yibani nendlela yothetha eyikhowudi eyaziwa nguwe nabantwana bakho kuphela

Yibane gama onolibiza okanye ulithumele ngoWhatsApp kumhlobo wakho okanye umeza ukuba uthe wasebungozini ukuze kungafuneki uchaze isehlo sonke. Xoxisanani ukuba umntu othe wamthinta uzokwenza ntoni xa ethe wafuna lomagama ayikhowudi kuwe. Cingisisani ukuba akulande na? Akubizele amapolisa? Abaleke aye kumeza wakho, njalo njalo?

Gcina ibhegi yemeko engxamisekileyo

Gcina ezona ncwadi zibalulekileyo endaweni eyimfihlo ukuze uzithathe lula ukuba kunokweneka umke ngokungxama. Ezoncwaki zezi: i-ID, isetifiketi sokuzwala somntwana wakho okanye abantwana bakho kunye nemalana.

Fumana umyalelo wokhuselo ukuba unyanzelekile

Ukuba awukenzi njalo, fumana umyalelo wokhuselo. Iya kwisikhululo samapolisa okanye inkundla kamantyi ekufuphi. Kuzofumaneka ungcwalise iform ekuthiwa yiForm 2: Isicelo sokhuselo. Isicelo sokhuselo liphepha lasemthethweni elicukaca iindlela umxhaphazi kufuneka aziphathe ngayo nomthetho ekufuneka awuthobele: umzekelo, kufuneka ayeke ukukubetha, okanye kufuneka akuxhase ngemali, okanye kufuneka adlulise umpu wakhe emapoliseni, njalo njalo. Isicelo sokhuselo ayifani nokubeka ityala kumxhaphazi wakho. Kodwa ke ukuba akawuthobeli umthetho wesicelo khuselo, wena uchazele amapolisa, kuzonyanzeleka abanjwe umxhaphazi.

Ukuzikhathalela

Akululanga, kodwa kubaluleke kakhulu ukuzijonga. Oko kungakunceda ujongane ngcono kwaye udlule kakhuhle kweli xesha lokuzikhetha. Ukuzikhathalela asikuko ukuzingca. Yenza izinto ezincini, lala ngokwaneley, itya kakuhle, fumana ukuzilolonga ngazo zonke iintsuku, zibethise ngomoya ngokwaneleyo (oku kusalungile ukuba uyawu thobela umgama wentlalo nabanye abantu). Yenza izinto ezizo susa ingqondo yakho kwiinxinzelelo zakho: bukela imuvi ehlekisayo, dlala nabantwana bakho, dlala imidlalo yekhompuyutha, khrowusha, pheka, cula, yenza umsebenzi wendlu – noba yintoni enoku nceda.

Hlala umanyene nabanye abantu

Bachazele abanye abantu ngemvakalelo zakho. Ncokolela umntu omthembileyo – umhlobo, ilungu losapho lwakho, umeza okanye umntu okhonza naye. Ungakwazi noku nxumelana nomcebisi wakho. Abacebisi abaninzi  baya fumaneka kwi intanethi nasefownini okanye kuWhatsApp ngelixesha yale ngxaki ye COVID19.

Ukugcina umgama phakathi kwakho nabanye abantu akuthethi into yokuba hlala wedwa.

Unelungelo loziva ukhuselekile.

Unako ukudlula kulento.

Jonga olunye ulwazi esize nalo olwenzelwe oomama ngojongana noxinzeleka umphefumlo, ixhala, ukuxhomekeka kwiziyobisi noku jonganga noxinzelelo leCOVID-19.

Iinombolo (Qhubeka uzama hleze babambekile)

Yabelana ngalo myalezo: