Categories
PIP isiXhosa

Are there medicines to prevent my child getting COVID-19: Ndive ukuba kukho amanye amayeza kunye nezinto nezinto ezilungisa loo meko endingazinika umntwana wam ukubanqanda ukuba bangangenwa yi- COVID-19 – yinyaniso?

Zilumkele “iindaba ezingezizo”!!

  • Kukho iinkcukacha ezininzi ezibubuxoki nezingalunganga ezijikelezayo ngeli xesha.
  • Akukho zinto zikhethekileyo zokongeza unyango okanye iivithamini okanye amachiza okanye amayeza okunqanda i-COVID-19  ebantwaneni  (okanye kubantu abadala)
  • Ukuze uhlale uphilile, yitya ukutya okusempilweni,  (inqwaba yeziqhamo ezitsha kunye nemifuno), zilolonge mihla yonke, lala ngokwaneleyo yaye uzame ukungaxhalabi kakhulu.