Ukuba kukho umntu ongaphezu kweminyaka engama 65 ekhaya okanye umntu omkhulu kakhulu okanye onesigulo esifana nesifo seswekile, uxinzelelo lwegazi oluphezulu okanye isfo samaphaphu:
- Bonke abantwana abangaphezu kweminyaka emibini kufuneka banxibe isifonyo yaye bagcine umngama okhuselekileyo (iimitha ezimbini ) ukusuka kuloo mntu usemngciphekweni.
- Umntu osemngciphekweni kufuneka asebenzise itawula yakhe, ikomityi, amacephe nezinye izinto zokutya kunye nezinto zokupheka. Ezi zinto mazihlanjwe zodwa ecaleni.
- Yonke imigangatho neendawo ezisetyenziswa ngumntu wonke (ikhitshi nendlu yokuhlambela) ekhaya mazicocwe ngeblitshi ngokukhuselekileyo yaye zingafikelelwa ingafikelelwa ngabantwana!