Imeko ye-COVID-19 inzima kakhulu yaye ikhokhelele kutshintsho oluninzi lwendlela iinkqubo ezenzeka ngayo. Ungadibana nobunzima ekliniki, kwisitishi sAamapolisa okanye xa usebenzisa inkonzo yezempilo okanye eyezentlalo. Abaniki-nkonzo nabo bazama ukulawula ngeendlela ezintsha zokwenza izinto yaye abayi kusoloko besazi ukuba yiyiphi imithetho emitsha. Oku kungenza uxinzelelo kakhulu kubo nakuwe. Ukuba uzilungiselela ukulungelana neemeko, kungenza lula ukuba umelane neemeko ngeli xesha. Kunganceda ukucinga ngokuba waphuma njani ebunzimeni kumaxesha adlulileyo.
Categories