Categories
isiXhosa

How should I deal with suicidal thoughts during COVID-19: Ngaba ndingamelana njani neengcinga zokuzibulala neziphazamisayo ngexesha le- COVID-19?

Ngala maxesha anzima,  abanye oomama banganeengcinga ezingafunekiyo neziphazamisayo. Abanye bangaziva kakubi kangangokuba bacinge ngokuzibulala.

Ingaba:

  • Uziva ukhathazekile yaye ungenathemba ixesha elininzi?
  • Uziba ungonwabeli kwanto?
  • Ufuna ukushiywa wedwa?
  • Awuboni ndlela yokuphuma kwimeko okuyo?
  • Ucinga ukuba izinto ziza kunangcono ukuba awukho?
  • Ucinga ngeendlela zokuzilimaza?
  • Uziva usoyika ukuba ungalimaza usana lwakho okanye umntwana wakho?
  • Uneengcinga zokulimaza usana okanye umntwana wakho? 

Ukuba uziva ngolu hlobo,  phuma uze uthethe nomntu. Ezi ngcinga zingatshintsha yaye zibengcono.             

Fumana uncedo lwegosa eliqeqeshiweyo. Thetha nomcebisi, umongikazi, ugqirha, ugqirha woluleko wengqondo okanye ugqirha wengqondo. Impilo yasengqondweni yinkonzo engundoqo ngexesha lokumiswa ngxishi kweenkqubo.

Iminxeba yoncedo

(Qhubeka uzama ukuba awuphumeli okokuqala)

  • Umnxeba woNcedo lokuZibulala we-SADAG 0800 567 567 okanye inombolo yomyalezo 31393. 7 iintsuku/evekini 8 kusasa ukuya ku-8 wangokuhlwa
  • Umnxeba woBomi [Lifeline] wo-Mzantsi Afrika  0861 322 322 nangaliphi ixesha