Kuyinto eqhelekileyo ukuxhalaba ngeli xesha linzima le- COVID-19. Ngamanye amaxesha ukuxhalaba noxinzelelo okanye ukungababoni nje abanye abantu, kungakukhokhelela kuxinzelelo lwengqondo. Nazi ezinye izinto ekufuneka uzijonge:
- Uziva uphantsi, unoxinzelelo lwengqondo okanye ulahlekelwe lithemba.
- “Ucinga kakhulu”
- Uneengcinga ezingakhiyo ezikwenza uphazamiseke.
- Uziva ungafuni kuthetha nabanye abantu nokuba ungabatsalela umnxeba okanye ubathumelele umyalezo nge-WhatsApp
- Uziva ukuba awufuni kwenza izinto eziqhelekileyo obuqhele ukuzenza endlwini, njengokunxiba, ukucoca nokupheka
- Awukwazi kuphumla
- Uziva ukhathele lonke ixesha
- Akukho nto ikunika lonwabo
- Uneengcinga namacebo okuzilimaza okanye ukuzibulala
Ukuba unezi mpawu ngaphezu kweeveki ezimbini, nceda uthethe nomnye umntu.
Iminxeba yoncedo (qhubeka uzama, kungenzeka ukuba baxakekile)
- IQela loXinzelelo lwengqondo nokuXhalaba loMzantsi Afrika [South African Depression and Anxiety Group (SADAG)] – ineminxeba yoncedo emininzi 0800 21 22 23 okanye 0800 456 789 okanye 0800 20 5026 kunye neminye.
- Umnxeba woBomi ngokubanzi 0861 322 322 kunye noMnxeba wabo woNcedo lukaGawulayo 0800 012 322
- Umnxeba wemiyalezo ye-Whatsapp we-SANCA weengxaki zoTywala neZiyobisi 076 535 1701
- UMnxeba wabantwana 0800 055 555