Categories
isiXhosa

How to know if you’re depressed: Wazi njani ukuba unoxinzelelo?

Kuyinto eqhelekileyo ukuxhalaba ngeli xesha  linzima le- COVID-19. Ngamanye amaxesha ukuxhalaba noxinzelelo okanye ukungababoni nje abanye abantu, kungakukhokhelela kuxinzelelo lwengqondo. Nazi ezinye izinto ekufuneka uzijonge:

  • Uziva uphantsi, unoxinzelelo lwengqondo okanye ulahlekelwe lithemba.
  • “Ucinga kakhulu”
  • Uneengcinga ezingakhiyo ezikwenza uphazamiseke.
  • Uziva ungafuni kuthetha nabanye abantu nokuba ungabatsalela umnxeba okanye ubathumelele umyalezo nge-WhatsApp
  • Uziva ukuba awufuni kwenza izinto eziqhelekileyo obuqhele ukuzenza endlwini, njengokunxiba, ukucoca nokupheka
  • Awukwazi kuphumla
  • Uziva ukhathele lonke ixesha
  • Akukho nto ikunika lonwabo
  • Uneengcinga namacebo okuzilimaza okanye ukuzibulala

Ukuba unezi mpawu ngaphezu kweeveki ezimbini, nceda uthethe nomnye umntu.

Iminxeba yoncedo (qhubeka uzama, kungenzeka ukuba baxakekile)

  • IQela loXinzelelo lwengqondo nokuXhalaba loMzantsi Afrika [South African Depression and Anxiety Group (SADAG)] – ineminxeba yoncedo emininzi 0800 21 22 23 okanye 0800 456 789 okanye 0800 20 5026 kunye neminye.
  • Umnxeba woBomi ngokubanzi  0861 322 322 kunye  noMnxeba wabo woNcedo lukaGawulayo 0800 012 322
  • Umnxeba wemiyalezo ye-Whatsapp we-SANCA weengxaki zoTywala neZiyobisi 076 535 1701 
  • UMnxeba wabantwana  0800 055 555