Categories
PIP isiXhosa

How will I know if my child has COVID-19: Ukubonisa iimpawu zokugula

Ungathi kanti unexhala ngomntwana wakho ukuba ubonakala eya egula kunengqele njee okanye umkhuhlane. Mhlawumbi engatyi, ephefumla ngokukhawuleza kakhulu, engenamandla, engafuni kudlala, eshushu kakhulu yaye etyatyaza engayeki. Mhlawumbi unerhashalala, amabala ezandleni nasezinyaweni okanye ulwimi olubomvu okanye umlomo obomvu. Okanye angaba nlinye uphawu lwesigulo esiyingozi (jong incwadi yoMgaqo oya eMpilweni). Ukuba kunjalo, umntwana wakho kufuneka aye ekliniki okanye kwagqirha okanye esibhedlele ngumntu omdala ongenayo i- COVID -19, ukuba oko kungenzeka. Xelela ugqirha okanye abasebenzi basekliniki ukuba kukho umntu ogula yi-COVID 19 ekhaya.