Xelela umntwana wakho ukuba abenenkathalo ngolu hlobo:
- Ukuba mdala kuneminyaka emibini yaye uyakwazi makanxibe isifonyo selaphu esivala impumlo nomlomo
- Ukuma qelele nabanye – gcina ubuncinane imitha enye ukuya kwezi 2 kude nabanye.
- Makungabanjwana nabanye! Sukwanga abanye okanye niphakamise izandla zixhawulana.
- Hlamba okanye ususe iintsholongwane ngento yokuzibulala rhoqo: xa ufika esikolweni, ngaphambi nasemva kokutya okanye emva kokuya kwindlu yangasese yaye ukuba ubamba omnye ngempazamo. Zama ungazibambi ebusweni okanye ungasibambi isifonyo sakho.
- Musani ukubolekisana ngeekomityi, ezinye izixhobo, iincwadi nezinto zokubhala okanye iibhotile kunye nabanye.
- Khohlela okanye uthimlele kwingqiniba yakho okanye iphepha lokosula elikhaphukhaphu. Lahla iphepha elisebenzileyo emgqomeni.
- Landela imiyalelo yesikolo, malunga nokuba ungaya phi yaye kunini apho ungangena okanye uphume esikolweni.
- Ukuba umntwana wakho (okanye noba ngubani ekhaya), akaphilanga, makangayi esikolweni.