Categories
PIP isiXhosa

What does my child need to know about masks: Yintoni ekufuneka umntwana wam ayazi ngesifonyo?

Khumbuza umntwana wakho

  • Nxiba isifonyo yakho ukuba usebenzisa isithuthi sikawonke-wonke ukuya esikolweni. 
  • Qiniseka ukuba isifonyo sakho sogquma umlomo nempumlo. 
  • Sisuse isifonyo kuphela ukuze utye okanye usele (kwaye usigcine khuselekileyo).
  • Bamba kuphela imitya xa uyikhulula okanye xa  uyifaka. Zinqande ukubamba umphambili wesifonyo.
  • Yiba nesifonyo esisesinye ukuze usisebenzise xa esinye simanzi okanye sisebenzile esinye. Beka isifonyo esisetyenzisiweyo entweni okanye kwingxowa yephepha emdaka ngombala ude ube uyasihlamba.          
  •  Ungaze unikise ngesifonyo kubahlobo bakho: ukuba awunaso isifonyo, sebenzisa iskhafu okanye ibhandana [iqhiya encinane].
  • Ungasishiyi isifonyo esisebenzileyo nje naphi – singaba namaqabazanyana angexesha ubuphefumla okanye ukhohlela okanye uthimla angabanentsholongwane. 
  • Hlamba isifonyo ngesepha namanzi ashushu. Somise elangeni yaye usi-ayine ukuze ususe iintsholongwane.