Can the Coronavirus affect my pregnancy?
Oomama abakhulelweyo basoloko benexhala lokuba ibachaphazela njani intsholongwane kunye nempilo yabo kunye neyosana lwabo olungekazalwa. Akukho bungqina okwangoku, ukuba intsholongwane eyenza i- COVID-19 ingahamba idlule esibelekweni ukuya kosulela usana olungekazalwa. Kwakhona akukho bungqina bamathuba amaninzi okuphuma kwesisu okanye ukuzalwa kosana oluneezinto eingaqhelekanga. Umkhuhlane okwiqondo eliphezulu osuswa nayintoni na ungenza ubeleke kwangoko.