Categories
Physical Health isiXhosa

Ingaba ndiza kunyangwa njani ukuba ndiguliswa yi-COVID-19?

How will I be treated if I get sick with COVID-19?

Ukuba unayo i-COVID-19

  • Xa usakhulelwe ukwinyanga ezimbalwa, uza kunyangelwa ekhaya (uzibhekelise ebantwini) okanye endaweni enabanye abantu abanganayo okanye abanayo i-COVID-19.
  • Xa sele ukhulelwe kakhulu (emva kweenyanga ezi 5) uza kunyangwa ekhaya (xa uneempawu eziphakathi yaye ungalunywa), endaweni ekhuselekileyo enabanye abantu abosulelekileyo okanye kwindawo yakho yokubeleka ukuba uyalunywa.
  • Ukuba uneempawu ezimbi ezifana nomkhuhlane okwizinga eliphezulu kunye nephika, uza kulaliswa esibhedlele esikhethekileyo esinendawo yokubelekisa, apho ngafuneka ukuba ujongwe kwindawo enika inkathalo engamandla.
  • Ukuba ubunosana, kufuneka nihlale nobabini yaye uncancise lo gama unxibe ilaphu lokogquma umlomo nempumlo.

Amagosa enkathalo ezempilo akujongileyo aza kunxiba iimpahla zokuzikhusela yaye akugcine endaweni ebucala kwezinye izigulana. Ungaxhalabi ngoku, kukhuselwa bona nabanye oomama ukuba bangosulelwa yintsholongwane ye-Corona.