What should I do if I have symptoms of COVID-19?
Oomama abakhulelweyo abanazo naziphi na iimpawu ze-COVID-19 (umkhuhlane, unkonkonko, ukuqaqamba kwezihlunu, umqala obuhlungu, ukunzinyelwa kukuphefumla) kufuneka bahlolwe. Nceda utsalele inombolo yasimahla (0800 029999) okanye uye kwikliniki ekufutshane ngexesha lokukhulelwa ukuya kuqonda ukuba uye phi ukuya kuzivavanya okanye ukuba ufanele utsalele inqwelo yezigulana ukuze ikuse esibhedlele ngokukhawuleza. Nxiba ilaphu lokogquma iimpumlo nomlomo. Wakuba ufikile, xelela igosa lezempilo ukuba unezi mpawu.