Categories
Physical Health isiXhosa

Ndibakhusela njani abantwana bam xa ndiphuma ndisiya emsebenzini?

How can I protect my children if I am going out to work?

Ukuba usebenzela ngaphandle ekhaya, zama ukukhusela abantwana bakho kunye namalungu osapho lwakho kwi-COViD-19.

  • Lala ekhaya kangangoko unakho
  • Emsebenzini
    • Nxiba isingxobo sokogquma umlomo neempumlo esicocekileyo
    • Zama ukumela kude ngaphezu kweemitha ezi 2 kwabanye.
    • Musa ukwanga okanye uncamise NABANI na
    • Zinqande ukuziphatha ubuso
    • Ungazidibanisi namaqela apho ubabona bedibene khona.
    • Zama ukuzibhekelisa kwimigangatho efana neendawo zokucofa nokubamba iingcango kunye neendawo ezicofwa ngabantu abaninzi
    • kangangoko unakho ngesepha imizuzwana engama 20 (okanye usebenzise isicoci esibulala iintsholongwane)
    • Shiya zonke izinto ezifana neentsiba zokubhala, emsebenzini ukuba unakho.
  • Ekhaya
    • Ukuba kuyenzeka, hlamba izandla zakho kunye nomzimba wakho kwaye utshintse unxibe iimpahla ezicocekileyo ngaphambi kokungena ekhaya
    • Hlamba izandla ngokwale ndlela ikhankanywe ngasentla

Sula naziphi na izinto eziziswe ekhaya ngoko nangoko ngesicoci esibulala iintsholongwane okanye sebenzisa iitispuni ezi 4 zeblitshi kwilitha yamanzi. Gcina iblitshi ingafikeleleki ebantwaneni.