I am pregnant and use public transport to get to the clinic. Should I still go to the clinic?
Ukuba unakho, hamba ngeenyawo ukuya ekliniki ukunqanda ukuba kufutshane nabanye bantu. Ukuba ufuna ukukhwela iteksi zama ukuhlala kubekho isithuba phakathi kwakho nabanye abantu. Kufuneka uthathe ezi zilumkiso zifanayo ukunqanda usuleleko lwe-COVID-19 njengabanye abantu. Ungazikhusela ngokuthi:
- Nxiba ilaphu lokogquma umlomo neempumlo xa ukwiindawo zikawonkewonke.
- Hlamba izandla ngesepha kangangoko unakho imizuzwana engama 20 (okanye usebenzise isicoci esibulala iintsholongwane esinotywala).
- Zama ukuhlala kude kangangeemitha ezi 2 kude nabanye yaye uzinqande kwiindawo zengxinano.
- Zinqande ungabambi buso bakho.
- Ziqhelise ucoceko lokuphefumla. Oku kuthetha ukukhohlela okanye ukuthimla kwikona yomphakathi wengqiniba yakho, uvale umlomo nempumlo okanye kwiphetshana elithambileyo nekufuneka ulilahlele kude kwinto evalwayo yaye uhlambe izandla ngesepha imizuzwana engama 20).
Ukuba ndinomkhuhlane, ukukhohlela okanye ndinzinyelwe ukuphefumla, dibana nenkathalo yezonyango kusengethuba. Ngengcebiso ukuba ungenza ntoni nokuba ungaya phi, dibana nenombolo yomnxeba wasimahla we-COVID-19 ku- (0800 029 999/0800 111 132).
Oomama abazithweleyo noomama abasandula kubeleka – kuquka abo bachatshazelwe yi-COVID-19 – mabaye kumadinga abo ahleliweyo enkathalo.
Ukuba unakho, tsala umnxeba ngaphambi kokuya ekliniki, ukuze ufumane ukuba kukho izicwangciso ezenziweyo zotyelelo lwabakhulelweyo nabagqiba kubeleka.