Categories
Physical Health isiXhosa

Ndingalukhusela njani usana lwam kwi-COVID-19 xa ndiphila nosapho ulubanzi yaye abanye besebenza ngaphandle endlwini?

How can I protect my baby from COVID-19 when I live with an extended family and some work out of the house?

Ukuba uphila nosapho olubanzi, kufuneka uthathe ezi zilumkiso ukunqanda usulelo lwe-COVID-19 njengabanye abantu. Wena nomntwana wakho ninganceda ukuzikhusela ngokuthi:

  • Hlamba izandla ngesepha kangangoko unakho imizuzwana angama 20 (okanye usebenzise isicoci esibulalaiintsholongwane esinotywala)
  • Zinqande ungabambi buso bakho.
  • Ziqhelise ucoceko lokuphefumla. Oku kuthetha ukuba khohlela okanye uthimlele kumphakathi wengqiniba yakho, uvale umlomo wakho kunye nempumlo, okanye kwiphetshana elithambileyo nekufuneka ulilahle emva koko kwinto evalwayo yaye uhlambe izandla zakho ngesepha imizuzwana engama 20).
  • Ungavumeli amalungu osapho lwakho ukuba abambe usana lwakho ngaphandle kokuba bazihlambe kakuhle izandla kuqala nasemva kokuphatha usana yaye basebenzise ilaphu lasekhaya lokogquma umlomo neempumlo elicocekileyo, ngalo lonke ixesha
  • Zinqande ukuncamisa usana emlonyeni okanye ebusweni.
  • Vula iifestile apho kukho imfuneko yaye gcina imigangatho yendlu yakho icocekile ngokusebenzisa iitispuni ezi 4 zeblitshi kwilitha yamanzi. Gcina iblitshi ingafikeleleki ebantwaneni.

Ukuba unomkhuhlane, uyakhohlela okanye unzinyelwe kukuphefumla, funa inkathalo yezonyango kusekwangoko. Ngengcebiso koko unokukukwenza nokuba ungaya phi, dibana nenombolo yasimahla ye-COVID-19 ku-(0800 029 999/0800 111 132).