Categories
Physical Health isiXhosa

Ndingalukhusela njani usana lwam olugqiba kuzalwa kwi COVID-19?

How can I protect my newborn baby from COVID-19?

  • Ncancisa: ngokuthi uhlambe izandla kakuhle kuqala. Ukuba une-COVID-19, ncancisa ufake ilaphu elogquma umlomo neempumlo.
  • Bamba usana lwakho olugqiba kuzalwa inyama enyameni esifubeni sakho (kodwa gcina lushushu).
  • Wonke umntu endlwini makahlambe izandla rhoqo ngesepha imizuzwana engama 20 (okanye isicoci esibulala iintsholongwane sezandla).
  • Khetha abantu ababini okanye abathathu ukukuncedisa elusaneni lwakho. Wonke umntu ochitha ixesha nosana makasoloko ehlamba izandla imizuzwana engama 20 ngaphambili nangasemva kokubamba usana. Kwakhona mabasebenzise ilaphu lokogquma umlomo neempumlo elenziwe ekhaya ngalo lonke ixesha behleli nosana.
  • Mabangabambi buso babo okanye ubuso bosana.
  • Makungabikho bani uncamisa buso bosana.
  • Ukuba unakho, abanye abantu kufuneka ubuncinane babekumgama wemitha enye ukuya kwezimbini kude nosana kunye nomntu okhathalela usana.
  • Gcina imigangatho yendlu icocekile. Sebenzisa iitispuni ezine zeblitshi kwilitha yamanzi. Gcina iblitshi ingafikeleleki ebantwaneni.