Categories
Physical Health isiXhosa

Ndingancancisa xa ndinayo okanye ukuba ndinganayo i-COVID-19?

Can I breastfeed if I have, or may have COVID-19?

Ukuncancisa kukhuthazwa kubo bonke oomama, kuquka oomama abanayo, nekungenzeka ukuba bane- COVID-19. Ukuza kuthi ga ngoku, intsholongwane ye- COVID-19 ayikafunyanwa elubisini.

  • Hlamba izandla rhoqo ngesepha imizuzwana engama- 20 ngaphambili nasemva kokuncancisa.
  • Qiniseka ukuba ulandela indlela ecocekileyo yokuphefumla: khohlela okanye uthimle kwingqiniba egobileyo uvale umlomo kunye nempumlo okanye kwiphetshana elithambileyo nekufuneka ulilahle kwinto evalwayo yaye uhlambe izandla ngesepha imizuzwana engama 20.
  • Ukuba une-COVID-19, kufuneka unxibe ilaphu elogquma umlomo wakho kunye neempumlo  xa uncancisa. Ilaphu elenziwe ekhaya lingaba lilaphu okanye isikhafu esihlanjwayo emva kokuyisebenzisa kanye. Musa kubamba ilaphu lo gama luncanca usana okanye xa unexesha nosana lwakho.