My child has flu symptoms which started yesterday. What should I do?
Abantwana bathanda ukuba nohlobo oluphakathi lokugula lwe-COVID-19 ukuba bafumana usuleleko kodwa bangayisasaza lula kwabanye. Nanjengoko sisiya kwixesha apho kubakho imikhuhlane, abantwana bangathatha iintsholongwane ezizezinye kuneCorona ngeli xesha. Iimpawu ezenziwa zezi ntsholongwane zingafana ne-COVID-19.
Kufuneka uthathe amanyathelo kwantlandlolo ukunqanda i-COVID-19:
- Hlamba izandla kangangoko unakho ngesepha imizuzwana engama 20 (okanye usebenzise isicoci esibulala iintsholongwane)
- Hlala ekhaya
- Ukuba uyancancisa, qhubeka uncancisa
- Fundisa umntwana wakho ukuba azinqande ukubamba ubuso bakhe.
- Fundisa umntwana wakho ucoceko lokuphefumla. Oku kuthetha ukuba khohlela okanye uthimlele kwikona yomphakathi wengqiniba yakho uvale umlomo kunye nempumlo okanye kwiphetshana elithambileyo nekufuneka lilahlwe kude kwinto evalwayo uze uhlambe izandla zakho ngesepha imizuzwana engama 20.
Ukuba umntwana wakho unomkhuhlane, uyakhohlela okanye unzinyelwe kukuphefumla, funa nenkathalo yezonyango ngokukhawuleza. Ukuze ufumane ingcebiso koko unokukwenza nokuba ungaya phi, dibana nenombolo engahlawulelwayo ye-COVID-19 ku-(0800 029 999/0800 111 132).